ISEBE LEENKONZO ZASEKUHLALENI KUNYE NENKQUBELA YABEMI
UBHALISO NGOKUTSHA
Mntu ofumana uncedo obekekileyo,
Isebe lezeNtlalontle lixakekile ngoku lihlaziya ulwazi lwabo bonke Abantu Abadala, Amagqala Emfazwe, Uncedo loKondla kunye noXhomekeko loKukhathalelwa kweZibonelelo kwimo yabo yeKhompuyutha. Abantu abafumana uncedo kwindawo yaseKimberley baya celwa ngokuhloniphekileyo ukuba bafumaneke xa kusenziwa inkqubo yobhaliso ngokutsha. La maxwebhu alandelayo aya funeka xa undwendwela indawo yokubhalisa.
Isaziso sakho kunye nomyeni okanye inkosikazi yakho esitsha esinemivo engama-13 ephawulwe nge-bar;
Isiqinisekiso somtshato okanye isiqinisekiso sokusweleka komyeni okanye inkosikazi yakho;
Isiqinisekiso sakho sokuzalwa esinemivo ongama-13 soNcedo loKondla okanye noXhomekeko laBantwana kwiZibonelelo;
Ubungqina bawo nawuphi na umvuzo owufumanayo wena kunye nomntu otshate naye;
Ubungqina besivumelwano neinshurensi semali ezaliswayo, njalo njalo.
Ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ngokunxulumene nendlela zobhaliso ngokutsha okwahlukehlukeneyo qhagamshelana ne-ofisi yezentlalontle ekufutshane kuwe okanye utsalele umnxeba inombolo yafelefele - 0800 003 077
